Mahlungulu – Kufumaneke incwadi inyengezwe phantsi ko mnyango kwi office ye Nqununu ngomhla we-31 KweyeThupha (August), umbhali wale ncwadi uvakalise ukucaphuka etyhola i Nqununu ngokuqesha abantu abafunwa nguye aphinde aphise ngezinto zesikolo. Kanti lo mbhali wale ncwadi nongazixelanga igama lakhe, uphinde wakhala ngoba le Ngqununu ithatha iziqibo yodwa ingadlulanga kubantu belali kanti isiphelo sale ncwadi siphele ngoku grogrisa i Ngqununu ukuba mayiphume iphele kwesisikolo ungekafiki umhla we 2 ku September 2020.

Ingxelo ithi le Nqununu ibingekagqibi neenyanga ezi ntandathu ifikile kwesi sisikolo, wabekwa ngeyoKwindla (March) ngomhla we Shumi elina mbini nekulapho wafika wazazisa njengomntu ongaluthandiyo uchuku nezinto ezithethisayo ethembisa ukuzokwenza utshintsho kwesi skolo.

Abahlali bancomile ukubonisa ubuntu nothando kwakhe kwesiskolo, ewenza umsebenzi wakhe kakhulu.

Kwizifundo efundisa iZibalo( Mathematics ) kunye nezifundo ze Science ezisamisiwe ukufundwa kwesi sikolo kuba i Ngqununu isabhacisiwe ukuze ikhuseleleke kwaba bantu okanye kulomntu umoyikisayo.

Obethethela i School Governments Body -SGB u Lolwakhe uthi bafuna ibuyile le Ngqununu ngoba iyatyolwa azange yazithathela iziqibo yodwa ingumntu othanda ukuthula kunyanzelekile ibuyile izofundisa izifundo zayo kant uphinde waqinisekisa ukuba kuzoqashwa omnye unogada ozogada emini kwesiskolo ngoba beku kade kukhona unogada wangokuhlwa kuphela.

Obe thethela abahlali uNothemba oneminyaka eyi 60 ophinde abe ngu mzali kwaye nowaye yi SGB kwesi skolo uthi babuhlungu kakhulu kalento eyenzeka kwesi skolo ikakhulu kule Nqununu bebesajonge lukhulu kuyo kuba ingumntu ozimiseleyo ngomsebenzi wakhe kodwa bamfuna ebuyile bengabahlali bayaqinisekisa nabo bazoyenza imizamo yokhuselo lwe Ngqununu yabo.

Isebe lezemfundo likuqinisekisile ukuba xakuhamba la Ngqununu akhomntu uzohlala esihlalweni sayo kude kuphele leminyaka ebekumele ihlalwe yiyo okanye ifumane umsebenzi omtsha kanti ibifuna ikhawuleze ibuyele emsebenzini iNqununu izosebenza kuba izinto ziyama.

 

Ngala mhla we 31 August iNqununu yahamba yayovula ityala lokugrogriswa kwayo emapoliseni. Amapolisa asaphanda.

Iindaba ze Sabel FM

Ndingu: Ongeziwe Mgodeli