
Ngu Lulutho Ngxith
I-Road Accident Fund ithi inkqubo yayo entsha yokubhatala amaxhoba engozi zendlela seyizothatha iinyanga ezine kuphela.
Le arhente ithi oku kuzoncedisa ukunciphisa izigameko apho amagqwetha azenzela imali ekhawulezayo ngemali yezicelo zabantu abazeke belimele.
Inkqubo yokuhlawulwa kweemali zabantu abonzakale ezingozini zendlela, ngaphambili, ibithatha iminyaka eyileyo kwemithathu nakwe mine, amanye amaxhoba baphethe bekhuthuzwa ngamagqwetha.
Isikhulu sakwa-RAF u-Collins Letsoalo uthi lenkqubo intsha izoqinisekisa ukuba abo bafaka amabango bayakwazi ukufikelela lula kwaye babuyekezwe ngokukhawleza.