Qumbu – NgolwesiHlanu, amapolisa ecandelo lokwebiwa kwemfuyo akuQumbu (Stock Theft Unit), aqhube iphahlaphahla kwiilali zakuQumbu nekulapho kugubhululwe iinkomo ezilishumi ezikrokreleka ukuba zebiwe.
Ngentseni yangolwesihlanu, iStock Theft Unit yakuQumbu ibambisene neCommunity Policing Forum kunye nabantu abalahlekelwe yimfuyo abangaphezulu kwamashumi amathathu, baphume umkhosi benza ugqogqa ezilalini ezintathu – kwilali yaku Debeza, eNkonkweni kunye naseMatyhamini.
Kule phahlaphahla kufunyenwe iinkomo ezilithoba kunye nethole kumzi othile okwilali yakuDebeza nekurhanelwa ukuba zebiwe, nekulapho kubanjwe umrhanelwa omnye. Ukanti umrhanelwa uselugcinweni lwamapolisa kwaye kulindeleke ukuba avele enkundleni kamantyi yakuQumbu ngomvulo umhla we 24 kweyeThupha 2020.
Ligquba labantu abalahlekelweyo abasuka kwiilali eziquka iKhubusi, Gqwesa, Nobamba, Ncothi kunye neNgxabaxha ekuquka kubo uMnumzana uMr S. Merhana waseNcalukeni ababonakalise inkxaso bencoma umsebenzi owenziwa ngabakwantsasana. Umnu Merhana uthethe wenjenje “Ayasebenza lamaPolisa akuQumbu. Nangona singekazifumani ezethu iinkomo kodwa siyazibona iinzame zamapolisa ukusifunisa”
UKholonel Sigcawu uthethe neSabelaFM wathi, amalungu eStock Theft Unit kuQumbu azijula ijacu ukulwa nobusela bemfuyo. Etsho ebongoza uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa ekulweni ubusela bemfuyo.