

Irhoxiswe ngesaquphe imbizo yaphezolo umhla we10 KweyeDwarha 2023, nebikhwetywe nguKumkani wesizwe saMampondomise, ngenxa yokungafiki kweziphatha-mandla ebezilindelwe.
Ukumkani uZwelozuko uthe wakhathazwa yimpalalo gazi ethe gqolo ukwenzeka esizweni sakhe, nalapho aye wachukumiseka ukuba abize le mbizo yomthandazo(Prayer meeting).
Phakathi kweziphatha mandla ebekulindeleke ukuba zichophele le mbizo, ngumphathiswa wephondo leMpuma Kapa uMnu. Oscar Mabuyane, umphathiswa wezokhuseleko (MEC for safety and security) uMnu. Mxolisi Nqatha kunye nonjengele wamapolisa ephondweni uLt General NL Mene.
Ibeliqela labantu abathe bazikhupha kwimozulu ebingekho ntle bezova ilizwi lekumkani, nabathe balinda kwaqina imini bejonge enkalweni.
UKumkani uthethe ngomlomo ka Nkosi uZwelivelile nalapho avakalise ukuphoxeka kwaye exolisa kwisizwe ngoba ingasenakuqhubeka imbizo zingekho eziziphatha mandla ebezilindelekile. U-Nkosi uZwelivelile wandise ngelithi uKumkani ubenenjongo zokuba athethe kukho abaseburhulumenteni ngoba ufuna kubekho amanyathelo azothathwa emva kwalembizo. Utsho esithi akunakunceda ukwenza iziphakamiso bengekho abantu abafanelwe kukuqinisekisa ukuba ziyenziwa.
Ukungabikho kwezizikhulu zika rhulumente wephondo ukuchaze njengesidelo sobukumkani bamaMpondomise.
Ukanti iinzame zethu zokuqhakamshelana neOfisi kaMphathiswa wePhondo ukuze ahlomle, ziphanzile.