Ngu: Ongeziwe Mgodeli

Qumbu – USodolphu kuMasipala wase Mhlontlo uNompumelelo Dywili ubetyelele kwindawo yase Rhwaxeni engaphantsi kweNcumbe kumaspala woMhlontlo ukuyokhanyisa umbane ebebekade bewukhalela eminyakeni kurhulumente, kanti siye seviwa isililo sabo kuba namhlanje usodophu ebevula umbane; washiya kukhanya emizini elinganiselwe kumakhulu amahlanu anamashumi mathathu anesixhenxe -537. Kanti uSodolophu uchaze ukuba emva kokuba bagrunjelwa amangcwaba bethenjiswa ngokufakwa kuwo bephila noceba kule ngingqi; abantu benesikhalo sokuba bafuna umbane kunyaka ka-2017 benza isiqqibo sokuba ngo nyaka ka-2018 makuqaliswe ukufakwa umbane kwezilali zase Macwerheni. Kwaqalwa ngemizi yangaphezu kwamkhulu amahlanu -500 njengoba namhlanje bekufakwa enye eyi 537, kanti eminye isazofakelwa kude kube yinyanga ka Disemba kulonyaka ka-2020. USodophu ubuye wanikezela ngeepasela zokutya kwezi wadi zimbini uward 11 no ward 12, noxa bezinganikezwa wonke umntu kodwa abo bangathathi ntweni, abangasebenziyo kwaye bengenaso nesibonelelo sikarhulumente. Ukanti uSodolophu uthembise ukubuya kule ngingqi azokujonga ukuba kuhamba njani ukufakelwa kwamanzi; ekubonakala ukuba sekuqaliwe ukusetyenzwa ekuwafekeni. Amalungu asekuhlaleni akawuvali umlomo ngomsebenzi omhle obonakala wenziwa yi ANC, bebulela ukukhanya kwilali yabo. USodophu akabashiyanga bekhanyisa kuphela kodwa ubanikeze neeketile, izitovu kunye nee ayini (iron) uba babenazo. Nangona lombane ungekabhaliswa ngaphantsi kwenkampani ephehla umbane uEskom, kodwa bayakwazi ukuwusebenzisa kwaye nokuyozithengela ezivenkileni xa uphelile. Ukanti abo abangathathi ntweni bathenjiswe ngokuba bazokumane bewufumana nowasimahla umbane.

Kwiindaba zeSabela FM ndingu Ongeziwe Mgodeli eMhlontlo.